Monday, 29 July 2013

Isitya esihle asidleli

Inene le nto ikukufa ayiqheleki, yenzeka rhoqo mihla le kodwa aside siyiqhele kwaye siyamkele. Ubomi bufutshane kakhulu, umntu ulala engabikwa nehlaba eli lincinci kodwa ngomso kuvukwe kuthethwa enye into ngaye. Inene ukufa kulutshaba kwaye lisixutha abantu esibathanda kwaye esithembele kubo sisibadinga ebomini. Into esisimanga ngokufa akufane kubasukele abantu abangenamighudu, ukufa kukholwa ngabantu abanentsebenzo kwaye abalithemba kumakhaya wabo. Kuthiwa ke kwaXhosa xa kuthethwa istya esihle asidleli, inene nyani asidleli. Esi saci sithetha ukuba umntu onemisebenzi emihle akahlali, sithi sisahleli sijonge kuye asuke amthathe uThixo ayombeka kwikhaya lakhe lokugqibela. Kodwa ezintweni zonke ndazifundisa ubulela nokuba imeko ikrakra kangakanani na kuba nguThixo osinikayo kwaye ikwanguye nophinde othathe. Ubomi bufuna umntu onokholo ongamsoliyo uThixo kwimbandezelo zakhe, oyaziyo ukuba kuqale kubemnyama xa kuzakukhanya.

No comments:

Post a Comment