Monday, 19 August 2013

Ingaba ucalucalu malunga nebala lwaphela nyani kweloMzantsi Afrika kwaye sililizwe elimanyaneyo na?

Umzantsi Afrika waziwa njengelizwe elinoxolo kwaye elimanyaneyo, elingenacalucalu malunga nebala kodwa ingaba nyani na sililizwe elinoxolo, elimanyaneyo kwaye elingenacalucalu malunga nebala?

Sithi xa sithethe eli lilizwe apho abantu balo bamanyaneyo, abantsu nabamhlophe, kodwa ndiyayikhaba mna lo ntetho. Abantu abamhlophe nabantsundu baseMzantsi Afrika khange baqalise tuu ukumanyana, sisesikhulu isikhewu esikhoyo phakathi kwabantsundu nabamhlophe. UmZantsi Afrika sawubona ulilizwe elimanyaneyo kabini qha emveni kokuba elilizwe lizuze idemokrasi. Eli lizwe salibona limanyana emveni kokuba umZantsi Afrika uphumelele umbhoxo wendebe yehlabathi ngo1995 nakwindebe yehlabathi yebhola eyayilapha eMzantsi Afrika ngo2010. 

Eyesibini into endifuna siyijonge yimeko yocalucalu malunga nebala apha emZantsi Afrika. Ewe iimeko eMzantsi Afrika ngoku azifani nemeko abazali bethu abakhule phantsi kwazo kodwa sisekhona isikhewu phakathi komzi oontsundu nabantu abamhlophe. Nangona kuthiwa xa kuthethwa abantu abantsundu bakhululeka kwingcinezelo kodwa abakakhululeki ngokupheleleyo, amathuba amaninzi asanikwa abantu abamhlophe kwaye sisaphila kwixesha apho abanye abantu abamhlophe basabajongele phantsi abantu abanyama, basabatyabeka ngamagama ngamagama, amagama ayesetyenziswa ngelaxesha lengcinezelo afana nokaffir. Ngamanye amaxesha ufumanisa ukuba ayingobantu abamhlophe qha abanocalucalu, nababasekhaya uyofika benalo kwaye benentiyo engakhiyo ngakubantu abamhlophe. Ucalucalu ngokwebala luseluninzi kweli loMzantsi Afrika qha luyafihlwa kwindawo ezininzi, umzekelo apha kuleDyunivesithi yase Rhodes banombhalo othi "Racism will not be tolerated" , ewe imibhalo enje ilungile kwaye ndiyayixhasa, nangona sinelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo kodwa kufuneka xa sithetha ngokukhululekileyo singahlukumezi kwaye sibahloniphe abanye abantu kuba nangona sinelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo sikwanalo nexanduva lokuhlonipha abanye wonke ubani, nokuba bunjani ubala bobuso bakhe unelungelo lokuhlonitshwa.

Ndiqumbukumbela ngelithi singabantu abanye nokuba ayifani imibala yeembuso zethu kuba sigazi linye, ngoko ingantle into yokuba sizifundise ukuba sibahlonipha abanye abantu nokuba abafani nathi ngeenkolelo, ngempawu zesini, ibala, njalo-njalo. 

No comments:

Post a Comment