Monday, 23 September 2013

Ingaba ilizwe nyani liyaphela na?

Mihla le sibona ezindabeni nakumaphepha ndaba izinto ezimasikizi ezenzeka kweli laseMzantsi Afrika. Sibona amaxhegwazana namasana abomvu, angenaso kwasono, bedlwengulwa bade batshabe, sibona amasana abomvu asandokuzalwa elahlwa ngonina emigqomeni, sibona abantwana bebulala oonina kwaye sibona nemimoya emikhulu kunye neemvula zishiya abaninzi bengenamakhaya.

Zonke ezizinto ndizibhale apha ngentla zimasikizi kakhulu kwaye zitsho ndibethelwe ngumxhelo kabuhlungu. Ingaba kwenzeka ntoni na kwilizwe lakuthi? Ndithi ndokufunda kumaphephandaba okanye ndibone ezindabeni ukuba kukho xhegwazana lithili lidlwengulweyo, le nto iyitsho ibebuhlungu intliziyo yam, ndishiyeke ndizibuza ukuba yathini ingqengqesho yabazali bethu, sathi sakukhula sayilahla na? kuba sisizukulwana somzi ontsundu sikhule siqeqeshwa ukuba nawuphi na umzali masimhloniphe kuba ngumzali wethu kwaye masibahloniphe abantu abadala ukuze iintsuku zethu zande emhlabeni. Ingaba na umntu xa edlwengula ixhegwazana okanye usana olubomvu olungakwazi nokuzilwela ithini na inimba yakhe okanye inimbi ayisekho, yaphela na ebantwini?

Omnye umba oye undiphathe kabuhlungu ngumba wabazali abalahla abantwana emigqomeni nasezitalatweni. Kumele ukuba naluphi na usapho okanye nawuphi na umzali onwabe kakhulu xa enosana oluncinci kuba kaloku umntana yintsikelelo kwaye sisipho esivela kuThixo. Indibhida kakhulu into yamabhinqa alahla abantwana emveni kokubulaleka iinyanga ezilithoba zonke umntu ethwele olusana esuswini sakhe, ingaba na umntu xa elilahla akatyiwa nimba na? Nangona kunzima, kodwa umntu ngubhetere asuke aphise ngalo kunoba alityale nje esithubeni.

Zonke ke ezizinto zingahlambulukanga zenzeka apha emhlabeni, zindishiya ndinombuzo omnye, ingaba ilizwe liyapheal na?


Monday, 19 August 2013

Ingaba ucalucalu malunga nebala lwaphela nyani kweloMzantsi Afrika kwaye sililizwe elimanyaneyo na?

Umzantsi Afrika waziwa njengelizwe elinoxolo kwaye elimanyaneyo, elingenacalucalu malunga nebala kodwa ingaba nyani na sililizwe elinoxolo, elimanyaneyo kwaye elingenacalucalu malunga nebala?

Sithi xa sithethe eli lilizwe apho abantu balo bamanyaneyo, abantsu nabamhlophe, kodwa ndiyayikhaba mna lo ntetho. Abantu abamhlophe nabantsundu baseMzantsi Afrika khange baqalise tuu ukumanyana, sisesikhulu isikhewu esikhoyo phakathi kwabantsundu nabamhlophe. UmZantsi Afrika sawubona ulilizwe elimanyaneyo kabini qha emveni kokuba elilizwe lizuze idemokrasi. Eli lizwe salibona limanyana emveni kokuba umZantsi Afrika uphumelele umbhoxo wendebe yehlabathi ngo1995 nakwindebe yehlabathi yebhola eyayilapha eMzantsi Afrika ngo2010. 

Eyesibini into endifuna siyijonge yimeko yocalucalu malunga nebala apha emZantsi Afrika. Ewe iimeko eMzantsi Afrika ngoku azifani nemeko abazali bethu abakhule phantsi kwazo kodwa sisekhona isikhewu phakathi komzi oontsundu nabantu abamhlophe. Nangona kuthiwa xa kuthethwa abantu abantsundu bakhululeka kwingcinezelo kodwa abakakhululeki ngokupheleleyo, amathuba amaninzi asanikwa abantu abamhlophe kwaye sisaphila kwixesha apho abanye abantu abamhlophe basabajongele phantsi abantu abanyama, basabatyabeka ngamagama ngamagama, amagama ayesetyenziswa ngelaxesha lengcinezelo afana nokaffir. Ngamanye amaxesha ufumanisa ukuba ayingobantu abamhlophe qha abanocalucalu, nababasekhaya uyofika benalo kwaye benentiyo engakhiyo ngakubantu abamhlophe. Ucalucalu ngokwebala luseluninzi kweli loMzantsi Afrika qha luyafihlwa kwindawo ezininzi, umzekelo apha kuleDyunivesithi yase Rhodes banombhalo othi "Racism will not be tolerated" , ewe imibhalo enje ilungile kwaye ndiyayixhasa, nangona sinelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo kodwa kufuneka xa sithetha ngokukhululekileyo singahlukumezi kwaye sibahloniphe abanye abantu kuba nangona sinelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo sikwanalo nexanduva lokuhlonipha abanye wonke ubani, nokuba bunjani ubala bobuso bakhe unelungelo lokuhlonitshwa.

Ndiqumbukumbela ngelithi singabantu abanye nokuba ayifani imibala yeembuso zethu kuba sigazi linye, ngoko ingantle into yokuba sizifundise ukuba sibahlonipha abanye abantu nokuba abafani nathi ngeenkolelo, ngempawu zesini, ibala, njalo-njalo. 

Ubomi ngumzamo

Ubomi bunzima kakhulu kwaye bufuna umntu onomonde othi noba kuyehla noba kuyenyuka yena angalilahli ithemba ayazi ukuba nakuye kuyoze kukhanye ngenye imini. Ndingumtwana ongakhange akhule lula njengabanye abantwana kodwa ndikhule umama emane endomeleza ngelithi "kuqala kubemnyama xa kuzokukhanya", inene intombi yaseManuneni yayinyanisile kuba nam ndingumntu ebantwini namhlanje kwaye ukuba omhlambi ndandilahle ithemba ndazilahla zonke izixhobo ngendingekho kule ndawo ndikuyo namhlanje. Amahla ndenyuka wam kweli limagada ahlabayo andifundise ukuba ubomi ngumzamo kwaye bufuna umntu ovuka azenzele kuba impumelelo yethu ixhomekeke kuthi, sithi qha abantu abanokuphucula ubomi bethu kwaye ayikho into ebaluleke njengemfundo kuba imfundo sisixhobo sanaphakade esingenokuxuthwa kuthi. Ndifuna ukuthi ke kwabantu abatsha mabazinikele kwimfundo kwaye bagqwese ezifundweni zabo ukuze bakwazi ukuba nekamva eliqaqambileyo ngomso.

Monday, 29 July 2013

Isitya esihle asidleli

Inene le nto ikukufa ayiqheleki, yenzeka rhoqo mihla le kodwa aside siyiqhele kwaye siyamkele. Ubomi bufutshane kakhulu, umntu ulala engabikwa nehlaba eli lincinci kodwa ngomso kuvukwe kuthethwa enye into ngaye. Inene ukufa kulutshaba kwaye lisixutha abantu esibathanda kwaye esithembele kubo sisibadinga ebomini. Into esisimanga ngokufa akufane kubasukele abantu abangenamighudu, ukufa kukholwa ngabantu abanentsebenzo kwaye abalithemba kumakhaya wabo. Kuthiwa ke kwaXhosa xa kuthethwa istya esihle asidleli, inene nyani asidleli. Esi saci sithetha ukuba umntu onemisebenzi emihle akahlali, sithi sisahleli sijonge kuye asuke amthathe uThixo ayombeka kwikhaya lakhe lokugqibela. Kodwa ezintweni zonke ndazifundisa ubulela nokuba imeko ikrakra kangakanani na kuba nguThixo osinikayo kwaye ikwanguye nophinde othathe. Ubomi bufuna umntu onokholo ongamsoliyo uThixo kwimbandezelo zakhe, oyaziyo ukuba kuqale kubemnyama xa kuzakukhanya.